




UGladys Sibambo, onefama enemveliso neyi-6ha uyibona iza kuzaliseka indlela yokuphila eNkomazi apho iNkomazi Irrigation Expansion Programm (NIEP), iza kwakha izindlu, kuphithizele iimoto, kubekho amashishini asakhasayo nabantwana bafunde eyunivesithi.

UGlen Lewis weRadio Metro noJanice Chapman onguMongameli weNgxowa-mali yaBantwana babonwe betyelela iintsana eprincess Alice Home.




OBALASELE KWINTENETYA
EMZANTSI AFRIKA
UYannick Noah owagqwesa kukhuphiswano  lwentenetya IMTN Champions, uza kuphinda avele kwakhona kulo mdlalo oza kuba ngomhla wama-24 ukuya kowama-28 ngoSeptemba phaya eSandton Square eJohannesburg. Okhe waphumelela kwiGrand Slam usungule inkonzo yesisa ebizwa ngokuthi Les Enfants De La Terre enceda ekuphuculeni abantwana abangamahlwempu zweni banzi. UYannick Noah uza kubhaqeka kuthotho lweendibano zenkqubela ezilokishini xa eza kube etyelele uMzantsi Afrika. Kuza kube kukho nezinye iincutshe kwintenetya, uJohn McEnroe, uAndres. Gomez, uJoha Kriek noMansour Bahrami, IMTN Champions ithembisa okunik'umdla nolonwabo kwintenetya!
ABASETYHINI ABANGABALIMI BAVUNA
OKUYINZUZO
Eminyakeni emithathu edlulileyo kwinqila yaseMpumalanga eNkomazi ubomi babungelula de iNkomazi Irrigation Expansion Programme (NIEP) exabisa izigidi ezili-R180 yazaliseka. Le nkqubo itshintshe umhlaba oyi3300ha yawahlukanisa waziifama ezingama-431 nekuthenjwa ukuba ziza kuvelisa ummoba oxabisa izigidi eziyi-R39,2 ngonyaka. Abona balungelelanisi beli phulo nabaliqalisileyo liSebe Lolimo eMpumalanga nelixhaswa yiDevelopment Bank of Southern Africa, iMBB consulting
Engineers eNelspruit. Incedwa yiACER Africa, kusekwe abaphathi beMBB Group nengumzekelo wenkqubela emaphandleni.



NGUMJUXUZO WEENKONKXA?
Abafundi baseSolomon Dihutso School babonise ubuchule
bokudanisa nobubabangele baphuma kwindawo yokuqala
kukhuphiswano lokudanisa kweli. Esi sikolo size nesi sinxibo
sakwantu xa besiphumelele kukhuphiswano lwezikolo iCollect-a
Can eBotswana.
Abafundi bayathandabuza ukuba baza kuphinda baphumelele
kwakhona, utshilo uGill Hatting, uMphathi weCollect-a-Cans
Operations, okhe watyelela eBotswana mvanje. Esi sikolo, siceba
ukuyisebenzisa imali yalo nyaka elibhaso lwe Collect-a-Can
ekwakheni amagumbi okulala iititshala ezifundisa kwesi sikolo.



16 BONA XHOSA Septemba 1995


UZoIa
Kananda-
Makai
ephumle.

Ukuphulukana nabazali bakhe bobabini eseneminyaka eli-1O kwamkhuthaza uZola Kananda Makai ukuba afune okuphambili ebomini. Ukuzimisela kwakhe kumenze waziphumeza izinto obezifuna ebomini. Kubalisa uWILLIE BOKALA, kufote uLUCKY NXUMALO.

KUYACACA ukuba ulutsha olunqwenela ukulandela ekhondweni likaZola Kananda-Makai ongumsasazi kwiTV nokwayiBusiness Inteligence Analyst akunakuba lula. Kodwa eli gqiyazana lithi kulula - kufuneka ulutsha lwazi apho lujolise khona, lube nosukelo ebomini luze ke lunqandwe ziinkwenkwezi.
Phofu ke yena uyazi ukuba uthetha ngantoni. Uzenzele umsebenzi onganqwenelwa naliliphi na inenekazi elakhe laphelelwa lithemba kuba kunzima.
Uninzi olumbonileyo lwamthanda lo msasazi kwiTV kukho icala elingalaziyo lokuba uneCV ebonisa ukuba ngumntu onempumelelo nokhe wenza imisebenzi ephambili kwiinkampani ezininzi.
Uye wayicomputer programmer (kwaHulett Aluminium), ianalyst programmer (kwaAnglovaal), ibusiness analyst (kwaEdgars), isenior programmer (kwaTongaat Hulett Sugar), imarketing communications executive (kwaSABC Commercial Services), ngoku uyiBusiness Intelligence Analyst ekwangomnye weendwalutho kwaAnglovaal.
Ukhe wasasaza inkqubo yeTV ethi 526 nethi Era ekuziinkqubo zamanenekazi. Nakuba enye yeenkqubo zakhe ethi Sekunjalo iyekiwe ukusasazwa kwinyanga ephelileyo, uzama ukuba endaweni yayo kufakwe inkqubo eza kufundisa uluntu ngemali nokwenzeka kwistock exchange.
Ndicinga ukuba oku kuza kuba yinto entle. Abantu abaziqondi ezi zinto, ndicinga ukuba lifikile ixesha lokuba zisasazwe kwiinkqubo zikamabonakude. Nam lo zininzi izinto endingazaziyo...izinto ezinjengetrade, iibonds neelocal shares, iDow Jones nezinye izinto ezinxulumene norhwebo. UZola ongumntwana wesine
kubantwana abane, uzalelwe eWitbank. Ukuba yinkedama kwakhe ene-10 leminyaka akazange akuvumele kube ngumqobo ekubeni azikhethele umsebenzi omhle. Unina wazibulala ngo 1966, kanti uyise yena wasweleka
ngo-1967. Ukusweleka kwabazali bam kwaba lilishwa. Kodwa ndiyacinga ukuba kuko okwandinika ifuthe. Umama wazibulala, ndaba lusizi ndizibuza isizathu sokuba akhethe ukwenjenjalo. Ngoku ndiyaqonda ukuba ukuba wayefundile, esenza umsebenzi omhle ukuze akwazi ukusondla, ngathi wayengazange acinge ukuzibulala.
Oko kwandenza ndaqonda ukuba kufuneka ndifundele umsebenzi endinokuphila ngawo, kungakhathaliseki ukuba kunjani. Ndandingasayi kuyeka de ndikufumane oko, nditsibe imiqobo ndize ndifumane usukelo lwam. Wathi xa



Umsebenzi kaZola Awuphelelanga
Ekusasazeni Kumabonakude!
Unxityiswe yiFAITH ORIGINAL CLOTHING
Iinwele zilungiswe ngabakwaHAIR IT IS Imake-up yenziwe nguMAVIS TSHABALA



umtshato wam wokuqala ungaphumeleli, andabi nangxaki yokuwuqhawula kuba ndandisebenza. Ndinako ukuziphilisa.
Kuloo mtshato, uZola wafumana amawele, uThamsanqa oyinkwenkwe noNomathamsanqa oyintombazana. Uhlala nabo nendoda yakhe yesibini uFrancis kumzi wabo oseOakdene eJohannesburg.
Ndidibene nayo ngaba bantwana. Babefunda behlala esikolweni apho wayesebenza khona bandicela ukuba ndimmeme. Ndakwenjenjalo ndabhaqa ukuba kukho umtsalane kolu tyelelo lungaqhelekanga. Kodwa mna ndimdala kunaye yaye abantu bacinga ukuba umtshato onjalo awuphumeleli. Kodwa sazama ngoku sonwabile.
Ukususela ekukhuleni kwakhe uZola etsala nzima, ukuzimisela kwakhe kwamenza waphumelela kumabanga aphantsi eWitbank nakwisikolo semfundo ephakamileyo eBenoni naseSprings phambi kokuba aye kufunda kwiYunivesithi yaseZululand isidanga seBachelor of Science (Mathematics). Ukwanesiqinisekiso seSystems Anatysis, eseSystems Design, eseDale Carnegie Public Relations, Assertivenes, Interaction, Business Communcation and Principles of Marketing.
Phezu kwako konke oku usazithobile ngendlela anxiba naziphatha ngayo. Ukhuthaza ulutsha ukuba luzimisele luzimisele ukuphumeza lukhulu ebomini.
Kufuneka lube nethemba, luzame. Kufuneka lube nabantu abayimizekelo kulo kuba oko kulinika ifuthe lokufana nabo okanye elokuphumeza okungaphezu kokuphunyezwe ngabo.
Akukho mntu unokuphikisa ukuba ukrele-krele kwimisebenzi ayenzayo nayikhethileyo.
Okufunekayo kukuzimisela. Emva kokusweleka kwabazali bam ndaya kuhlala kwamalume eBenoni. Ndazimisela, nkqu naxa ndingenamali, ndandisiya esikolweni. Yiloo nto kwandithatha iminyaka


emihlanu ukufumana isidanga sam. Kwafuneka ndifunde ndiphangela de ndazigqiba zifundo zam zaseyunivesithi.
Uthi ukuba unokunikwa ithuba lokutshintsha ubomi ebengenakwenjenjalo kuba ziinzima ezambeka kwindawo akuyo. Ude athi unenkolo yokuba ukusa abantwana bakhe kwizikolo ezingezizo ezikarhulumente nezexabiso eliphezulu kungafana nokubakhupha kwinto yokwenyani.
Ndifuna baqhelane nabanye abantwana bamahlwempu. Oko kunokubabonisa ubomi. Kufuneka babuve ubunzima. Ukudibana naboo bantwana kuya kubanceda babe noBuntu obusihlanganisayo.



Inkosikazi enosapho kunye nendoda yalo, uFrancis, mhla batshata bakunye nabantwana babo, uThamsanqa noNomathamsanqa.
Eli nenekazi lifote phambi kwemoto yalo. 


18 BONA XHOSA -Septemba 1997



EBUDENI beeholide zobusika kubikelwe iBONA kusithiwa:
Khaningenelele. Abantwana bethu phambi kokuba kubhalwe iimviwo zikaJuni banikwa isitofu sepoliyo. Kodwa ngoku esikubonayo ngabantwana ababolayo - nevumba elinganyamezeleki lokubola...
Sanikwa inani labali-17 abalimeleyo. Sikhawuleze saya apho safika kukhal' ibhungane esikolweni. Singanqandwa-mntu sizulazule kwilali ekufutshane neResidence Primary School kuTsolo.
Intwazana uNomphiwe Stemela (ominyaka mi-5) ubenethamsanqa kunabanye abantwana kuba emva konyango esibhedlele uye wachacha. Naye njengabanye abantwana eResidence Primary watofwa ngumongikazi engafumananga mvume kubazali bakhe.
Ethubeni bathi baxelelwa ukuba babenikwa isitofu sepoliyo. Bonke abaguli batofwa kusikrotyana. Umakhulu kaNomphiwe uMaDhlomo, esityebisela uthe:
"Ngale mini batofwe ngayo uNomphiwe ubuye encwina esithi kubuhlungu ezimpundwini. Sayihlola le ndawo saza sabona iqhuma elaliqhubeka lidumba. Simbalekisele eklinikhi baza bathi masimse eNgcolosi (St Lucys) Hospital.
ENgcolosi unikwe isithambiso kwaneepilisi ezidambisa iintlungu. Wafakw'ibande kwelo qhuma. Ingxaki iqale sakufika ekhaya. Ngenxa yeentlungu akazange alale. Iintsuku ezimbini kamva elo qhuma labhidlika, indlu yonke yatsho ngevumba elibi lokubola. Kwakunuka!
Kwindawo eyayineli qhuma kwavuleka umngxuma, uqhubeka uphuma ubofu obunukayo. Ishiti awayelele kulo lalinamathela kwesi silonda, nokulisusa kwakungumsebenzi obang'iintlungu.
Aba bongikazi mabanqandwe bengekabu-lali iintsana zethu!
Kwimizi nje embalwa ukusuka kwaDhlomo kuhlala abakwaGadeni onyana wabo ominyaka mihlanu uElisha ebeseseNgcolosi Hospital xa besibhala. UElisha Gadeni naye ube lixhoba lokutofelwa ipoliyo, naye etofwe kusikrotyana.
De kube ngoku uElisha ebekuphela


KuTsolo, eMpuma Koloni kukho umongikazi okanye iqela labongikazi - abatyelele izikolo ukuze batofe abantwana apho. Ngaba bayazi ukuba esi sitofu basisebenzisayo kungenzeka sibulale? IBONA iyaphanda. Kufote uPONKO MASIBA.



BANQANDENI BANGADE


BABULALE IINTSANA ZETHU
Umama kaNomphiwe uNombuso uthi: Eli qhuma lalilikhulu laza lakubhidlika kwavakala ivumba elibi lokubola endlwini...
1 4 BONA XHOSA - September 1 997

16 BONA XHOSA - Septemb

		BONA XHOSA - September 1997 17

1 8 BONA XHOSA - September 1 997

